Ayanda Mabulu Vs Brett Murray
Okok’qala, ndicela ukubulela uBrett Murray ngegalelo lakhe kwezobugcisa.
Okwes’bini, ndinqwenela ukuthumela izimuncu-muncu nomdiliya ofaxaziweyo kuwo onke amakhaya athe afumana elithuba (lingaqhelekanga) lokungena kwiziko lobugcisa – bakhe babuke nabo. Masibulele iMedia ngokusiphakela oku, emakhayeni oninzi.
Okwes’thathu, ndirhalela ukuthetha ngesimo sezobugcisa, eMzants’Afrika, kunye nokungahoyeki kwezobugcisa basezilokishini okanye umsebenzi wobugcisa wabantu bakuthi nangona kusithiwa siphila kwizwe elikhululekileyo, elinobulingani.
Makhe sibuye umva, sitsibele kunyaka ka2010: Umfana ogama linguAyanda Mabulu. Andaz’ nokuba ndim ndedwa obona enye intsingiselo kwigama lalomfo? Xa ulibeka kanje: “Ayand’ambulu” litheth' ukuthini? Mandiyeke, ndibuyele kundingaye. uAyanda Mabulu weenza umsebenzi wobugcisa ogama lingu “Ngcono ihlwempu kunesibhanxo sesityebi” – lomsebenzi wakhe waboniswa kwiziko laseWorldart, eKapa, kude kufuphi neyoMnga ka2010. Nanku:
Ndingalumanga ndahlafuna ndade ndaginya ndicela ukughaba nje kancinci lomthamo uphakwa ngulomfanekiso.
Nyala lenyoko!
Naaabo ootata besizwe behanjiswa nqunu yilentwana yakwaMabulu. Xa ezithethelela yena uthi intonga le ixhase ubudoda bukaMongameli Zuma kulomfanekiso izama ukubonakalisa ukuba ‘uyasebenza’ lomfo kwaye kufuneka ‘ixhego’ lakhe lide lixhaswe nangeentonga. Kwelinye icala lalomzobo sibona utat’ uTutu naye ehanjiswa zhe, nobudoda bakhe buqhinekile, nto athi umzobi yindlela yokubonakalisa ukuba utat' uTutu uphila ubomi obubuhlungu – walahlekelwa bubuni bakhe kwaye uphants’ kweempembeleko zeenkolo zamaNgesi.
Bendinokucing’ba umsebenzi onje, ‘wobugcisa’, ubunokucaphukisa bonke abazotyiweyo. Ngamadoda amakhulu la kwizwe lethu. Kwaye sisenokuthi sisithuko esikhulu esi. Kukuyucula isidima somnye konke oku. Sisenokutsho. Kodwa asitsho. Zange kubekho namnye umntu owayithi mfi lendaba. Zange kukhalaze mntu. Njani?
Kaloku lomsebenzi kaMabulu wawukhuselekile, kwiindonga zaseWorldart. Uboniswa kumaziko obugcisa angangenwa nguwonke-wonke. Abantu abangezozifundiswa zobugcisa andiqond’ba bebenokuze bafikelele kulomsebenzi – bade bayokukhalaza ngawo. Ukhuselekile. Kwaye andiqondi nokuba iMedia le yethu ibinokukhathala ngomsebenzi wobugcisa owenziwa ngumntu omnyama. Ebeqala wangubani na? Sebezakunanazela emven’ kwakhe – bamnike indumase? Ngubani? Mhlawumbi yazibuza oko iMedia yethu.
Yayingu2010 ngoko. Makhe sitsibele kunamhlanje, lo sikuye ngoku. Gqi gqi ngomfo ogama linguBrett Murray owenza umsebenzi wobugcisa athi awuthiye “Umkhonto wesizwe” apho ke athi aveze amalungu angasese kaMongameli Zuma. Ndiyabona ukuba unkabi uzama ukuthi amalungu angasese kaMongameli angumkhonto wesizwe.
Nyala lenyoka!
Iphepha-ndaba leCity Press aliziyekelanga – lithathe ‘lomkhonto’ lazula ilali yonke nawo – liwuveza yonke indaw’ elinokuthi lifikelele kuyo. Kulapho ke uninzi luthe lawubona lomzobo womkhonto, lwaze alathanda ncam ukuba utata wesizwe aqheleke kak’bi kanje. Kulapho ke umsindo wesizwe ugragrame khona, waphakama naye uKhongolose, wasebela olukhwelo. Kwabe ke kulapho inkathazo iqale khona. Ukuba uVelaphi wayesaphila wayenokuthi “Yaqala ke inkathazo, madoda!”
Ingxolo ngalomzobo iqale ukunwenwa kooThwitha nooFacebook – kuthukiselwa, bambi bewuthethelela lomzobo. Kude kwayokuthi gqi nabafo ababini abasuke bangena kweliziko lobugcisa laseGoodman, eRhawutini (apho lomsebenzi ubuxhonywe khona), baze ke bawurhoqoloza lomsebenzi. Wabe ke umoshakele umsebenzi kaBrett Murray.
Mna ke ndifuna ukubuza: Kwakutheni ze kungagqushalazwa ngoluhlobo xesha uAyanda Mabulu ezoba amalungu angasese kaMongameli Zuma? Kutheni sizokungxola xa inguBrett Murray? Uqatywe ntoni na yena yedwa cas’ba uvumbulula umsindo wesizwe ngowakhe umzobo?
Bambi bangaphendula bathi: ngoba ngumntu omhlophe uMurray! Bambi bangathi: hay’suka yiANC – yenza udabi ngento engekhoyo kuba ifuna kulityalwe ngeengxakana abanazo kumbutho wabo. Kulahliswa umkhondo ukuze abantu bahoyane nomsebenzi wobugcisa ongacacanga.
Mna, ndithi: Hayi. Kuzo zonke ezingcingane. Ayikholula olohlobo lento. Oludabi lunento yokwenza nelizwe lwezobugcisa kunye nepolitiki yabo kwezobugcisa. Bendingathanda ukuzichitha zonke iindaba ngocalu-calulo nobuhlanga kwezobugcisa, andinawo amandla okwenza njalo namhlanje. Kodwa ndizakukhe ndinikeze nje ufifinyana ngezingxaki.
Ukuba siqwalasela umsebenzi wobugcisa wabantu bakuthi sakubona ukuba abona bagqwesayo – nabaziintandane zezwe lobugcisa ngabathi benze umsebenzi (okanye imizobo) emalunga nobuni babo: ukuba ngumntu omnyama okanye ukuba ngabantu abathandana nabantu besini esinye. Qha. Umnt’omnyama wenza umsebenzi othetha ngobuni bakhe qha, hay' ngezinto ezintle nezicingisa nzulu.
Kodwa xa sijonga abalingani babo abamhlophe nabafunda kwizikolo ezinye zobugcisa nabo sakufumanisa ukuba bona abamhlophe abenzi msebenzi umalunga nobuni babo. Is’ke ibengathi umntu omhlophe akanabuni yena kwaye uvumelekile ukuba enze imisebenzi emihle nemisebenzi engabhadlanga ngamanye amaxesha. Umzekelo: kukho mfanana omhlophe owathatha ibokisi yeOmo (ewe, le yomgubo wokuhlamba iimpahla) osogqiba wayibeka ecang’ kwebokisi yeJoko (le yeshushu yamaxhew’kazi) emven’ koko waze wawuthiya i-“Joko Omo” (gama eliyelene noYoko Ono wodumo) lomsebenzi. Lomsebenzi waboniswa kwiziko elizinga liphezulu kakhulu, pha eStellenbosch. Wanconwa, wanconwa lomsebenzi – kusthwa ukrele-krele.
Khaw’fane ucinge ke ukuba lomsebenzi wawenziwe ngumnt’omnyama? Ngewungasoze ufumane loondumase – ngekwathiwa bubudenge bomsenzi obuswela ubukrele-krele. Njani? Kaloku abantu abamnyama kufuneka bona benze umsebenzi wobugcisa othetha ngobuni babo nokuba kunjani ukuba ngumntu omnyama qha! Yimiqhathango yezwe lobugcisa engabhalwanga ke leyo.
Lilonke umsebenzi kaAyanda Mabulu’s zange wenze umsindo kwizwe lonke ngenxa yokuba izwe lezobugcisa zange libone nto ikrele-krele kuwo. Umnt’omnyama akakwazi ukuzicingela nokwenza umsebenzi wobugcisa okrele-krele. Umntu omnyama kufuneka azobe amatyotyombe, iimoto, umfaz’ wasezilalini, iinkomo, nezinye izinto ezimanyaniswa nokuba ngumntu omnyama. Kwaye kufuneka azizobe ezizinto ngandlela engazokubhida abantu abamhlophe. Akufunekanga abenzulu yena xa ebalisa ibali lakhe ngemizobo. Apho ndiyakhona ke kukuba umsebenzi kaAyanda Mabulu ayingomsebenzi wobugcisa emehlweni abamhlophe – yiyo ke lonto iiCity Press zingakhange zilangazelele imizobo yakhe. Ayingomntu, akazazi ukuba wenza ntoni, ucinga okomntwana umntu omnyama, masimyekeni sikhangele ooBrett Murray abamhlophe nabazaziyo ukuba bathini kwimizobo yabo. Ijongwa njalo yonke lento.
Ibali lomntu omnyama is’ki ngathi livakala bhetele xa libaliswa ngabantu abamhlophe – imizobo yabantu abamnyama ibabhetele xa izotywe ngumnt’omhlophe. Ukuba izotywe ngumnt’omnyama ayibali.
Kanti baninzi abantu bakuthi abazenzela imizobo yabo yobugcisa ezilokishini – loomisebenzi yabo ikhala ngobomi baselokishini, ikhala ngeendlala, ikhala ngeetswela-bulingani, ikhala nangoRhulumente obaphoxileyo. Bambi sibabona bethengisa imisebenzi yabo ezitratweni ngoomaR100, abanye sibabona besenza imizobo kwizakhiwo ngezakhiwo ekuhlaleni. Abasokuze baphumelele. Soze babengabantu bobugcisa bodumo naba balaseleyo ‘de izikolo zobugcisa nabakhethi-bugcisa bamaziko-ngamaziko batshintshe iingcinga zabo ngabantu abamnyama, nomsebenzi wobugcisa okumel’ba uphuma kubantu abamnyama.
Abayenzi ke lonto.
Umntwana ungena esikolweni sobugcisa axelelwe, zisuka, ukuba “azikho ezizinto uzizobayo! Khaw’khe uzobe ngobuni bakho – sixelel' ukuba kunjani ukuba mnyama kumsebenzi wakho!” Umntwana aphethe sele esebenza ngohlobo oluthile kuphela, angaze akwazi ukubalisa ibali lakhe ngendlela ebenokuthi alibalise ngayo. Andaz’ nokuba ndiyavakala na. Kodwa kum, yingxaki le – lento yokutshintshwa kwendlela yobugcisa yabantu abamnyama ukuze ilandelelane nenkanuko zabamhlophe – yingxaki le.
ooMabulu sibabona xa kuthe kwangena uBrett Murray engxakini. Suke sive izwe elimhlophe lezobugcisa selikhala ngoo “kodwa noAyanda Mabulu wakhe wamncitha umongameli!” o, kanti lonke elixesha bebewazi umsebenzi kaAyanda? Kodwa bengawuncomi okanye bawupapashe kwizinga elilingana nelikaMurray? Injalo ke.
Kwakhona, mandithathe elithuba, ndibulele uBrett Murray ngokuthi akwazi ukufaka ezobugcisa ematheni. Lembhalela yezobugcisa kwiMedia lihlazo. Ukuba siyakhumbula babebaninzi abezobugcisa abesebenzisa imisebenzi yabo ekulweni abacinezeli bamandulo – bebaxhokonxa ngemizobo eyayipapashwa zwelonke.
Kwas’ke kwathini ngoku? Ezobugcisa kufuneka ziphume kulamagumbi amaziko amhlophe – khe kuphinde kuqaliswe ukuthetha ngemisebenzi yobugcisa esidlangalaleni, ngoba eneneni ezobugcisa zikwayindlela yokubalisa ibali nokuphengulula imbali yethu – twatsa neengoma kunye nemiboniso bhanya-bhanya. Ezizinto zinamandla okuchukumisa izazela nokuvuselela umsindo woluntu. Asizisebenzisi. Ngani?
Ndiyathemba ke ukuba iMedia izakukhe iphula-phula abantu bezobugcisa, khe nomsebenzi wabamnyama uboniswe. Kwaye ukuba uyalumeza lomsebenzi singoyiki ukuxoxa ezongxaki.
*ndicela uxolo ngokufaka lomzobo kaMabulu uveza amalungu angasese weenkokheli zethu, kodwa ndenzele ukugxininisa intswela-bulingani yabantu bezobugcisa
**The English version is available: here.