Open Letter to the Eastern Cape Department of Education
Esi sisicelo sasesidlangalaleni kubaphathi bezemfundo eMpuma Koloni, umbutho wootitshala – iSADTU - kunye nootitshala; sokuba bancede bayeke ukuphazamisa izifundo zabantwana abamnyama ezikolweni.
Asinokwazi ukuthula sibukele lenyubakaxaka yezemfundo echaphazela, kak’bi, imfundo yabantwana bethu.
Ikamva lomntwana omnyama niyalibulala botitshala. Sithumela abantwana bethu kwezizikolo zenu ngethemba lokuba niyakubakhathalela nibakokose ngemfundo. Kodwa hayi, ikamva lomntwana omnyama limfiliba ezandleni zenu.
Yenzeka njani na lonto? Abantwana benze ntoni bona sebevinjwa imfundo? Benze ntoni?
Kusenjalo, ziiveki zintlanu izikolo zivuliwe kulonyaka ka- 2012 kodwa abantwana sebezibona besengxakini yokukhutshwa ezikolweni ngenxa yengxabano phakathi kwentloko yesebe lwezemfundo eMpuma Koloni, u- Advocate Modidima Mannya, nombutho wootitshala i-South African Democratic Teachers Union (SADTU).
Ngokubona kwethu ibinosombhululwa ngengxoxo lengxaki, ingade ichaphazele abafundi ngesisigqibo sokuba ootitshala bangafundisi okanye baye ngokucotha emisebenzini.
Abazali, abagcini-bantwana nakunye nabahlali baseMpuma Koloni baphatheke kabuhlungu sesisiganeko kwaye abazi nokuba bangenza ntoni ngalomba ukuze bayisombhulule lengxaki. Kwiidolophu neelali zethu eMpuma Koloni abantwana bakhutshwa phambi kwexesha ezikolweni; ngentsimbi yethoba ukuya kweyeshumi elinambini ngentseni. Kwaye oko kuxhomekeke kwiinqununu nakubafundisi-ntsapho, nabathe bahamba ngokunentsa kwimisebenzi yabo.
Kuyacaca ukuba abantwana basezikolweni ezisezilokishini nasezilalini babuthwele ubunzima, kwaye lemeko ayinamtu unokuyikhusela.
Eyona nto ingumqobo kubahlali balapha eMpuma Koloni yeyokuba abazi nokuba kutheni sekunje. Abafundi babuyele ngoku ezikolweni, kodwa kungekudala ootitshala bazakufumana esinye isizathu sokuqhanqalaza, bashiye abantwana ezikolweni kwakhona.
Indima yabazali abamnyama seyafana neyeenkuku ezasikwa imilomo, ngenxa yokuhlaliswa ebumnyameni ngemiba yootitshala nezemfundo.
Iingxoxo-mpikiswano ezivakala koonomathotholo, oomabonakude nakumaphephandaba phakathi kwentloko yesebe lwezemfundo, uMannya, nakunye nesithethi se- SADTU, uMnkenceleli Ndongeni, azibonakalisi kukhanya kwesisimo semfundo yaseMpuma Koloni.
Ndlela le zihamba ngayo ezizinto, singabemi balapha eMzantsi Afrika sihlazekile, kwaye ayibukeki into yokubukela iinkokheli zethu zemfundo zixabana koonomathotholo, koomabonakude nasemaphepheni zibonakalisa ukungavisisani. Lihlazo eli!
Kuyanyanzeleka abazali nabahlali baseMpuma Koloni baphakame bakhe bayokuhlala phantsi nabatitshala babantwana babo; banyanzelise imfundiso yabantwana babo okanye bakhangele amanye amacebo emfundo ayakuthi ancede abantwana babo.
Abazali abamnyama kuyanyanzeleka bathath’inxaxheba ephangalaleyo kwizikolo zabantwana babo – babe nendima abayidlalayo ebuRhulumenteni bezikolo zabantwana babo.
Asinokwazi ukunyamezela lendlela yokuziphatha yootitshala, imibutho yabo kunye nesebe lwezemfundo.
Ukuba abakwazi ukuyisombhulula lengxaki kuyakufuneka sihlabe imibuzo yokuba: lemfundo siyinikwa nguRhulumente ingaba inexabiso na? Okanye abantu balapha abamnyama kufuneka bazenzele imfundo ephucukileyo, ngokwabo?
Siyabacela bonke abantu abayinxalenye nesisimo ukuba bazityande izazela - bakhulule abantwana kulemeko, bakwazi ukubuyela kwizifundo zabo. Makucingwe ngekamva loMzantsi Afrika.
Na xa sibheka phambili sakucela ukuba ootitshala xa benengxaki nesebe lwezemfundo bazame ngandlela zonke ukuba ingachaphazeli ikamva lomntwana omnyama. Ukubulala imfundo yomntwana kukubulala ikamva lethu sisonke bantu bantsundu!
Imibuzo ingabhekiswa kuXolile Madinda ku: imfundo.easterncape[at]gmail.com